Pages

Thursday, November 4, 2010

Inthetho yenkuthazo kulutsha

June 2010

Mandicamagushe kuni mzi kantu mz'ontsundu, ndicamagushe kubantwana begazi abaphethe izizwe zikaQamata ngentobeko nothando, ndicamagushe kubantu abamhlophe abasetyenziswa ekuphiliseni umdilili wesizwe,ndicamagushe kumaqhawe esisizwe alwelwe ubuzwe nokubuya komhlaba wethu namasiko,ndicamagushe kubantu benkolo ezakuhleneyo nakwinkokheli zenkolo yemveli ndithi philani mzi kantu.

Kulenyanga siyazi ukuba sijongene nezinto ezininzi ezilulutho lwesizwe nezithe zakha ubomi bomntu omtsha kodwa phambi kokuba ndingene nzulu kwizigaba zalenyanga ezingqamene nolutsha ndibawela nje ukuwenza mafutshane ngokwenkolo yemveli le sikholelwa kuyo silulutsha oluqulathe lenkuthazo, ndibawela nje ukuveza ukubaluleka kwalenkolo kumntu nakubomi abutsha.

Inkolo yemveli yinkolo yobawo mkhulu babethi banxibelelane nomdali ngayo kumaxesha angaphambili kungekafiki amamishinari kweli lomzantsi africa, yinkolo yinkolo yamanyange ethi ngokunqula kwethu siluluntu isinxibelelanise nomdali usozinto zonke.Sithi ke xa sinqula kulenkolo sibe sisenza amadini abhekise kumdali wethu sicela sibulela siyaleza kumanyange wethu ze wona acengacengane nomdali usombawo ibenguye ke othulula intsikelelo kuthi. Le nkolo nanje ngenkolo isekezelwe phantsi kwentlonipho nentlonelo sithi ke ukuze sinxibelelane noQamata ngokuthi sithethathethane neminyanya yethu ze yona icengacengane noQamata elo ke ibelikhonco olunyulu lonqulo olusiphilisayo lusinqandele ezintshabeni zethu ngalo lonk'ixesha.Kumbula ukuba kuthi umntu efuna ukuthetha nenkosi yakhe uqala adibane namaphakathi abike kuwo ze wona ayokumcengela enkosini ngalonto aze ngayo,uthi umntwana ekhayeni sele kukho nto ayifunayo kuyise athethe nomama wakhe ze ibengumama ozakucengacengana notata yandule ke ukufumaneka lonto.

Umntu omtsha ke yonke lencoko ilapha ngentla yile ebonakala ngathi ayakhi nxibelelwano nothixo kwaye yakhangeleka nje ngenkolelo engeyiyo eyesisizwe ngenxa yokufika kwamamishinari athe aveza nkolo imbi,kaloku inkolo nolwimi olusetyenziswa ngumntu lolu lumbangela nemo yokuhlala kwakhe itshintshe umz; ukuba ungumXhosa uhlala phakathi kwabesuthu kwaye bayakoyisa ngolwimi ngenxa yobuninzi babo luye ke nolwakho ulwimi lohluleke uphele sele uthetha olwalwimi lwabo,nomzimba wakho ke uye uqhelane namasiko welolwimi uphele sele usenza wona yilento ke ndithi ulwimi ngundoqo wokuguqula umntu kwinkolelo yakhe ngendlela edelelekayo,ngundoqo wokulawula imivo yomzimba womntu ze le nto inxulumene naye ngokwegazi ayibone nje ngento engento.

Lonto ke yile yenzeke kulutsha namhlanje luqale lwabona ulwimi lwenkobe lungabalulekanga lwathanda ukusebenzisa olwasemzini laya ke lanefuthe kwindlela yokuphila kwabo yilento ke ndithe mandicacise nje ngalenkolo ukwenzela xa sincokola ukuya phambili ibe lento ikhanyile kontanga.

Le nyanga ke yinyanga ehlonipheke kakhulu kuluntu jikelele nalapha kulutsha,kaloku zininzi iziganko ezithe zenzeka ngonyaka ka 1976 kulenyanga apho umntu omtsha wayekwalwela elililwimi lwenkobe ndithetha ngalo kuba kaloku kwakufakwa ifuthe lokufunda ngalwimi imbi engunobangela wokulahlekisa intlalo yomzi ontsundu...ndithi huntshu kwabobantwana beloxesha bazinikezela ekucingeni eyona nto ibuyisa ubuntu nokuzidla kwethu ngendlela abazibopha ngayo kwinto abayiyo.Siyazi kaloku namhlanje sisalwa singabanye silwela ukulingana kwenkolo zesisizwe sikwaveza ngokubanzi inkolo le yemveli ekubonakele ngathi yeyona nkolo ingabonakaliyo kwaye ithathwe yenziwa ngathi yona iyodwa nje ilisiko asiyonkolo ngoko ke kweli lanamhlanje ixesha sizixhamla nje sikhwebula ingqiqo zolutsha ngokunxulumene nalenkolo yemveli, kuba kaloku uthi wakuthetha ngayo ibengathi uthetha ngesiko okanye ngento yamaGqirha.Namhlanje ke sithethela isidima salenkolo nokuhlonitshwa kwayo zezinye inkolo,ngurhulumente nazizizwe.

Kaloku amangamso esisizwe axhomekeke kuthi silulutsha lwesisizwe yilento ke le inyanga inyulelwe lona nje kuphela sokhumbula ezizinto zezintsuku bezikade zikho kumthetho kamthetho phambi konyaka lo ndiwuchaze apha ngentla, kulenkolo lixesha lokuqala konyaka kumntu omtsha kuba kaloku kuqala ubomi bobuntu budala kubafana lelona xesha lokuya kwabo esuthwini kuyolulekwa izimilo zabo nokuziphatha xa bengena kunyaka omtsha,lelona xesha sithi ababantwana bekade besaziwa nje yiminyanya makhe nabo bazibone kubo zibanceda, lixesha lonqulo ke eli lalenyanga nelokuhlonipha ababantwana bazakuba ngotata bangamso.Entonjaneni kumantombi nto lulutsha ke olo kulapho bekunxonxwa khona izimilo zabo belungiselelwa indlela yokuziphatha ebudaleni nasemzini,kaloku kulamaxesha wethu imitshato iqala apha ebutsheni bethu yilento ke nakweli siko belisenziwa ngelixesha lonyaka ngaphandle kokugula komntwana elifuna, ithi ke intombi yakulifumana ikwazi ukuziphatha izilungiselele ixesha layo lokwenda ibe ke nalapha ekuhlaleni kubonakala ukuba ngumntu omtsha lo oqeqeshekileyo, kaloku uthi ze athathwe umntu kubonwe impawu zokuziphatha kwakhe yonke ke lonto ibe ikhokelwa yintlonipho athe wayinikwa kowabo nalapha kulenqubo yentonjane.
Le nyanga ke yile kwenziwa phantse yonke imisebenzi enxulumene namanyange yilento ke iye ibikwe nje ngenyanga abantu bakuthi abachulumanca ngayo kuba kaloku kunxityelelwana nezihlwele ngamakhaya, basikelelekile ke abantwana abaya esuthini kulenyanga kuba bovuna lukhulu.

Kaloku yinyanga yolutsha le mandibuye ke ndithi zininzi ke iziganeko eziye zenzeke kwimpilo yomntu omtsha siphila kumaxesha wolonwano side sizilibele nomnombo lo wokuzalwa kwethu, sithi ke sakulibala umnombo nezinto zendalo kaQamata kaMalangana zohlukane nathi ngokwegazi kuthi ke nalonto ingafanelekanga ubuyenza kungabikho mntu ukukhwebulayo kuyo,sisesinye sezizwe ezinconywayo ngentsholongwane kagawulayo ingakumbi ke ulutsha olu yilento kuthi masingayibekeli emva lento kuba kaloku sesinye sezandulela zokufa kungekafiki ixesha lokubiswa komntwana ngamawabo... ndake ndayithetha lento ngaphambili kwintshumayelo yam kuKholo Lwemveli (UWfm) ndathi "wonke umntwana uthi xa ezalwa abe enexanduva azalelwe lona ngamawabo,uzalwa enesizathu sokuzalwa kwakhe ekulindeleke ukuba xa efika kwinqanaba lokubanamandla akwazi ukumthundeza amawabo, akakho ke umntu ozalwa nje engumququ ongenakwenza nto ebomini." lonto ke akanakumvumela umntwana wabo aye kuhlala nabo engawenzanga lomsebenzi awuzelelweyo ngamawabo, kweli ke ixesha sizimanye neziyolo salibala umnombo yilento ke sekukho ukufa okungaka ke kulutsha,lithi elam buyani bantwana babantu nizilande nizazi kuba kaloku wakuzazi amawenu ayanxibelelana nawe akukhwebule kakuhle kwingqiqo ezingacikidekanga.

Mandingayishiyi into yokokuba masizazi ukusukela kulonyaka, kulenyanga nakolusuku asizelwanga ngampazamo kuba kaloku ingqiqo zabanye abantu zithi umntwana uyalungiselelwa phambi kokuba avele andazi ke mna apho kodwa kule yam inkolo akukho mntu ubekelwa ixesha lokuvela kwakhe kwaye ke sele evele engalindelekanga akuyompazamo ukuvela kwakhe kaloku ezinye izizwe ziyanxunguphala kwakuvela umntwana leyo yinkolo yabo thina kwesi sethu isizwe luchulumanco nesipho kumanyange ukuvela kwakhe,yilento kuthi naxa ekhula nje anxityiswe intsimbi eziqaqambayo kulungiselelwa amangamso wakhe ukuze aqaqambe mandiyicamagushele londawo.Mabakhumbule ke abantu abatsha ukuba ezizinto zikho nje zihambelana nentobeko esinayo esithi siyibhekise kubazali bethu, kaloku kulenkolo yemveli umzali akapheleli kuphela endlini ntonje nguye wonke ke umntu omdala kwaye unelungelo lokukuqeqesha ngalo lonke ixesha ndiyayicamagushela ke nalondawo, izintloni ke kulenkolo kantu ukuzithwala kwabantwana bebancinci kwaye bengekendi yonke ke lento ihambelana nengqeqesho athi umntu omtsha ayamkele kubantu abadala kuthwa kwantu uHayi liyeza kwaye uvakala ngathi ukrwada xa ebizwa ukwimo yokwanelisa imfuno yakho ungumntu omtsha.

Ndithi ke bantu abatsha kwesi sihlantlo masibuyeni sihlonele amakhaya kunye nabantu abadala kaloku ngabo abantu abasipha intsikelelo esithi sakukhula sizidle ngazo,le inyanga masiyibize nje ngenyanga yokufundisana ngentlonipho nokuziphatha komntu omtsha kuzwe lonke lonto ingabangela ubuntu bamangamso ethu bungabisesihogweni ntonje bubekobawo mkhulu bethu ngokomoya.

Ndiyacamagusha kuni ke bantwana bemveli,ndicamagusha kakhulu kubantu abadala abasilondolozileyo kumhla nezolo besiqeqeshela ebomini nakwintlalo eyiyo yakwantu,ndicamagusha kubantu bonke abathathe iphulo lokomeleza thina aba sisemadolo athambileyo kulenkolo,ndicamagusha kumntu wonke omtsha wesisizwe ndithi mababuye kuba kaloku ikhubalo lesisizwe lilapha kubo.

Iyehla ingxilimbela yamaXesibe,uyehla umtshana wamavundle,uyehla umzukulwana wamaNtshilibe uyehla umzukulwana wakwaNdlela kumzi wamahlubi.

Makubechosi-kubehele! kukhanye!

Lungile Masina - Nonzaba
Injoli yolutsha okwexeshana

1 comment:

Unknown said...

Mzukulwana wamanyange,sizukulwana sikaNonzaba,Xesibe ndithi mandiphose abamabini-mathathu kuwe ntondini eyazalwa sele inamazinyo.Inene ukhulile tata nditsho ngokwenkolo le yobawomkhulu lonto indenze ndanelunda kwaye ndazingca ngobumna bam.

Mandibulele ndithi ngxatsho kuwe thole leduna inga inkomo zakho zingazala amathokazi.Enyanisweni emsulwa wona lombono ngumbono omhle kunene kuba kule mihla siphila kuyo ukufikelela eluntwini ngokubanzi kungekho ndleko siye sisebenzise esisixhobo sobugcisa sakwamnyepha.Siso esenza izinto zibaleke ngawesikhotsholo wona amendu.

Uyithungil'injob'ebandla,ujolile wajolelela izizwe nezizwana.Ukrabhela uhlab'ikhwelo kwezondlebe esele zithuntwe ngontaminecingo basimfamekisa asabona sibona,namhla liyavakala elo lizwi lisithi inene uphoyiyana yingcuk'eyambeth'ufele legusha keyona iMbo isatshila unanamhla oku.

Nam ndiyakrasa ndihlab'ikhwelo ndisithi masibuyele ebuntwini kkuba abanyepha basiphuca ubuthina kuthi kwasala ubngethina kuthi.Kunganina sazinyholi sikhangele,sula nje ukratyazo elihlweni inene uyakububona ubuncwane belilizwe ngawo amandla kaQamata esebenza nezihlwele zelilomdibaniso.

Ikhwelo lihlaba kuthi lutsha ukuba masivuke emaqandeni kutheni salal'emini ilanga lihlab'umhlaba,ndiyayizibula eyendoda engxongxa emin'emaqanda kusonakala phandl'apha.

Ngxatsho mntanomgquba ndithi masiyeni sofela phambili,ngekkhe sabuya ngamva ngayo le nkolo yemveli,inkolo yendabuko(atsho amaZulu).

Camagu mntwanenkosi.