Pages

Sunday, November 7, 2010

Concepts of Easter (Christianity) explained in ATR

Saturday, 11 April 2009
Main concepts of Easter (Christianity) explained in ATR – how are they conducted


Ingoma – Wadidiyel’unonkala ngasemlanjeni
Camagwini
Mandibulise kubantu abadala, oobhuti bam, oosisi bam, oontanga ndini, umlisela nomthinjane. Camagu.
Ndinezinto ezimbini endifuna ukuzichaza phambi koba ndingene kusingaye, ndizichaze noba ndikubani na.
Okokuqala, ndizakucacisa ngegama endithe ndalisebenzisa. Inoba abanye abantu libenze bexhungu bazibuza imibuzo emininzi ngalo nangam nangabantu abathe bacebisa ukuba kubizwe mna. Eligama ndithetha ngalo leli lithi "camagu". Abantu balichaza ngolichaza ngokwasenkolweni, amaKrestu balayamanisa no "amen", abantetho isisiZulu bona balayamanisa negama elithi "thokoza" – ndivumelana nabo ndingavumi ngelithi aliphelelanga kulonkcazelo. Lithetha izinto ezininzi kwaye akukho ntlobo yamntu engalibanga – ligama lesiNtu. Kuthi ekhayeni kwakukhala lonto ehlatyiweyo xa kusenziwa isiko, uve abantu bekhaya nabokuhlala beyiyizela bathi "camagu, icamagu livumile", lithi lakusebenza iyeza ebelikhandiwe ekhayeni (kusetyenziswe utywala besiNtu) uve kuyimigcobo ekhayeni kuthwe "icamagu livumile", amagqirha anentsimbi ayinxibayo ekuthiwa li "camagu", nanjengoba ndenzile – ndiyendabulisa ndisithi camagu, naxa ubonakalisa ukugqiba uthetha okanye uvalelisa liyasetyenziswa, naxa ungqina lonto ithethwayo uyakwazi ukulisebenzisa, njalo njalo. Ayilo gama lobugqirha/lamagqirha.......Camagu!!!
Okwesibini, ndinemibongo emibini endithanda ukwabelana ngayo nawe. Ibhalwe ngu Gqrirha N. Mndende kwincwadi yakhe ethi Kutheth’ithongo. Omnye ndizakuwufunda phambi koba ndingene kulento ndiyimele apha, wona uthi Umthonyama. Omnye ndiwufunde ndakugqiba ukuniphakela kwesisityana sam, wona uthi Siyacamagusha.
Wena uzibuza ukuba azi ezizinto ndizithetha apha nendisezakuzithetha ndizazelaphi na ndiyinxalenye ye "lost generation" – uzundibuze ndakugqiba, ndakuchazela. Into ebangela ndingalichazi ngoku ibele endincanca kulo kungoba hleze ndithi ndakuchazela ngalo ulindele lukhulu kwintetho yam, okanye ungandimamelisisi okanye undigwebe ngenxa yolwazi onalo ngebele lam.
Ndingu maDlamini, uJama Sjadu, Fakade, Mngxib’unoboya, Cubungulashe, Gqabi, Gugu lamagwala, mdak’omnyama ongeva sepha, iZizi elimnyama neenkomo zalo. Ndizalwa yintombi yasemaTshaweni, Mdange ka tshiwo, uTogu, Khawuta, umntwan’enkosi eyinkosi ngokwakhe, uSkhomo okhaya likwaZwelitsha eQonce ukhaya khulu ukwaMasingatha kwaseQonce. uDlamini uzalwa yintombi yasemaNcotsheni, ooRhadu, Momane, Smukumuku intombi yaseCumakala, umamTshawe uzalwa yintombi yaseMonti eMooiplaas eNgxingxolo umaMbamba, uThangana uKrila uRhasi. Ikhaya lam liseDimbaza, ukhaya khulu ukuQoboqobo eZingcuka phezulu, eJojweni. Apha eKapa ndimi apha eKhayelitsha eIlitha Park. Camagu!!!!
"Ufundo lombongo – Umthonyama ngokokubhalwa ngu Gqr N Mndende"Kuthwe mandizokuthetha ngezinye zezinto ezingundoqo ngelixa lePasika kwinkolo yobuKrestu kodwa mna zendizithethe ngokwenkolo yakwaNtu(African Traditional Religion). Ndithe ndachonga izinto zane, ezi zezi zilandelayo: ukuzila, uku(zi)nikezela/sacrifice, idini, uvuko. Phambi koba ndizichaze ngokwakwaNtu ndizakuchaza indlela endiye ndazinabisa ngayo ngokwakwaKrestu ukwenzele sizoqondana kakuhle (ukhumbule ke ukuba isikhokelo sethu lixesha eli sikulo – iPasika). Ngokokwam ukuqonda ngokwakwa Krestu zihamba ngoluhlobo:
Ukuzila
Uku(zi)nikezela, nedini (ndizidibanisile ngoba ziyahambelana)
Uvuko – kukuvuka kwakhe emva kwentsuku ezintathu. – Unikezelo, ngulamzuzu uYesu anikezela ngobakhe ubomi ukuba enziwe "idini" ze abakholwayo kuye bahlambululwe/baxolelwe izono – zezantsuku zimashumi mane uYesu wathi wazila ngazo
Camagu!!!!!!
(Bantu bakuthi) andizanga ku kudida ngqondo yamntu ngento akholelwa kuyo, andizanga kuphikisa nto, andizanga kusengela phantsi nkolo yamntu, andizanga kuguqula mntu – asiguquli thina phaya ekhaya, andizanga kukhubekisa mntu. Ndizokwabela ngolulwazana ndinalo, ndizokuvisa into endiyityayo. Kodwa ukuba kuthe kwenzeka ezinye zezinto zingentla zakukhubekisa – ngxe ayizonjongo zam, uzundikrwece phambi koba ndihambe ndakucacisa apho kufuneka inkcazelo.
Abanye abantu bazakucinga ndizokuthetha ngesiko kanti a(ku)njalo, isiko yinxalenye yenkolo (inkolo nganye inamasiko nezithethe zayo).
KwaNtu ezizinto zine azisoloko zihambiselana, kwaye zisenokungalandelelani ngokoluhlobo sizijonge ngalo.
Uvuko
Uku(zi)nikezela, idini
Ithongo
Umgaqo/procedure
Ukupha
Ukuzila
Ukuzila kwaNtu kuhamba nentlonipho kulento izakwenzeka phakathi kwekhaya. Kuqalwa ukuzilwa nokunika intlonipho ukususela ngalamini bekuhlelwi kwibhunga. Ibhunga ke kulapho kuhlala khona abantu bekhaya bebonisana ngalomcimbi uzakwenziwa, ukuba kuzakuba khona idini kujongwe umkhonto wekhaya ukuba uwulungele na lomsebenzi, intlabi imi njani neminyanya yekhaya, imo apha phakathi kwekhaya injani na – akukho magqubu, akukho bantu banentliziyo ezigobileyo, njalo njalo. Kwezantsuku zisondele imini yomcimbi wonke umntu kufanele alale apha ekhayeni(kulendawo izakuba nomcimbi – abantu bancame i bhedi zabo bazolala kwezi zalapha) enomzi wakhe umntu engenawo. Lamini yomcimbi kufane ibeyimini ezolileyo, ezele yimigcobo nochulumanco kungabikho zikhali, zijwili, milwo(ngakumbi kubantu abangqamelene ngqo nomcimbi). Kuthi ke izinto zangenziwa ngendlela ubone kusenzeka izinto ngezinto eziphazamisa umcimbi – okanye ungabikho kwa wona. Ngamanye amaxesha into esetyenzisiweyo ukwenza idini ingavumi ingakhali okanye ithi sele ikhalile kubekho imilwo, izigezo zisenziwa ngabekhaya. – Ndiyayazi xa kuthethwa ngomba wokuzila abantu bacinga ngokufa kuphela Kanti akusoloko kunjalo. Ngoku ndizakunaba ngokuzila phambi koba kubekho umsebenzi ekhayeni. Kuzilwa noba kuzakwenziwa idini okanye alizukwenziwa, into engundoqo kukuba kuzakuthethwa nabo balele ukuthula, amathambo amhlophe. Camagu....
– ngamanye ke amaxesha suba kungekho nto ethongiweyo okanye esilelayo kwimicimbi yekhaya. Uve kuthwa uJongi ubulela ooSkhomo ngayo yonke into abamenzele yona, okanye ucela iintsikelelo – kuthwa ke kukhanda iyeza. Apha akubikho dini kodwa abanezinwe baye baxhele bapheke kodwa lonto ixheliweyo ibe ingatheth’into. Kumcimbi ololuhlobo kuyasilwa nje utywala besiNtu – ukuba icamagu livumile lizakubonwa kulafatyi.
– kwindawo ngeendawo, nakumakhaya ngamakhaya kuyaziwa ukuba xa kwenzeke into ethile kufanelwe izinto zihambe ngendlela ethile. Umzekelo xa ikhaya lithe lashiywa ngutata kuyaziwa ukuba kufanele akhatshwe, abuyiswe. Nalapho ngokwekhaya elo kwenziwa idini ngalonto isetyenziswayo likhaya, ze abantu bekhaya banikezele ngabanako ukuqinisekisa ukuba yonke into iyaphumelela.
 – Kuxhomekeka kuhlobo lomcimbi ozakwenziwa ze wazi ukuba uzakusebenzisa ntoni na okanye yintoni ozakwenza ngayo idini. Wena mntu uzakwenza idini, unikezela ngento onayo ezakuthi ibelulutho ekuqabeliseni umcimbi lowo. Zininzi iindlela ekuthi kutyhileke ngazo uhlobo lomcimbi okufanele wenziwe, umzekelo, kusenokutyhilwa ngethongo okanye ibeyinto ekufaneleke yenziwe ngenxa yesehlo esithile – nalapho kuxhomekeka ngokwekhaya. {ndifuna singalahlekani ke ngoku ngoba nindiva ndithetha ngemicimbi yekhaya, nangamathongo kodwa bendithe ndizakuzichaza ezizinto ngokwenkolo yakwaNtu. Kule nkolo umntu akakwazi kukhonza eyedwa – ukhonza kunye nekhaya lakho, nabantu basekuhlaleni. Kaloku khumbula sikholelwa kwiminyanya – ngabantu bekhaya ke abo – yona isithethelela kuQamatha[lo simbiza ngombiza – Thixo, Modimo, Mvelingqangi, Lord, God, Yehova, Jah, Allah} – umba wethongo ubanzima ngoba kufanele ufumane umntu ozakwazi ukuxazululela lona, alicacise. Umzekelo ndikhe ndathonga kukho abantu pha kum endlini – ndisuke ndiphakama ndichaze ukuba kusemanini. Ezinye izinto ude uphele uzithonga xa ungade uzenze, uchazelwe nendlela omawuzenze ngayo. Kulo umzekelo – kufanele ndenze umcimbi wokuzazisa, kufanele ndiqonde ekhaya ukuba amaZizi xa esenza umsebenzi ololohlobo basebenzisa ntoni na(igusha, inkomo, ibhokwe) ukwenza idini, mna ke kufanele ndincame ndinikezele ngeqhosha ukufezekisa lomcimbi. – uvuko kwaNtu yinto esingenayo ngoba kaloku asikholelwa ekubeni umntu uyafa. Umntu uyazalwa, adlule kwizigaba zonke zobomi bomntu ngokwesini sakhe, nangokwezinto zekhaya (enzelwe isiko lokuqaba-eli silibiza ngolibiza ngoku abanye bathi yimbeleko, abanye ingubo njalo njalo {oyena nobangela welisiko kukwazisa umntwana wekhaya kwiminyanya}, ukwaluka / intonjane, intambo, umendo, njalo-njalo). Kuthi kwakufika ithuba lokwahlukana kwenyama nomphefumlo kuthwe umntu udlulele ngaphesheya(not overseas) uye kwelemimoya ilizwe ( ilizwe lengqikelelo), into ethetha ukuba usekhona phakathi kwethu ngokomoya, uyokusisebenzela asithethele kuQamatha – yilonto singathi Phumla ngoxolo ngoba kaloku ayondawo yokuphumla leya kuyasetyenzwa. Uthi akuba kwelemimoya kuthwe ngumnyanya/sisinyanya.

KwaNtu, iPasika asinayo kodwa siye sithi rhoqo sibenemicimbi ngemicimbi silikhaya okanye isithili(zinqabile kodwa ngoku ezo). Sithi sinqule sicamagushe kwabalele ukuthula, amathambo amhlophe sibulele, sinikele sisithi makudede ubumnyama kuvele ukukhanya. Camagu.........

Ufundo lombongo – Siyacamagusha ngokokubhalwa ngu Gqr N MndendeBy
Nangamzo Manyakanyaka
Western Cape

No comments: