Pages

Friday, December 10, 2010

Umthandazo wam

Sithini ukungabuleli kuwe Qamata?
Wena ungusozinto zonke,umaxhobayakhawuleza.
Uthixo wakudala kungekabikho kwanto ibikade ikho ngaphambili.

Ndibulela ikhonco othe walamkela elisuka kumzi wakwaXesibe,kwaBhayi,emaTshilibeni nakwaNdlangisa kuba ndibona impendulo ngoku.
Wena ungusombawo ungcwele,ngcwele yengcwele ethi sakuhlambulula isihlangule ebubini.Mdali wezinto zonke kunye nentlambululo le ilulutho lokuphila kwam namhlanje.
Ndiyanqula kuwe wena wakudala,ndiyathandaza ukwenza nje ndibongoza amabandla andiphahlileyo uwaphe amandla uphe kunye nam ndisesisizukulwana somgquba.Ndicenga wena lunga lokulunga wena upha intambo ende umntu de azibone apho one khona wandule umhlangule.Ndiyazi wena sombawo uyakumfaka umntwana wakho emgibeni jike umhlangule kwakucaca ukuba ukholiwe nguwe.
Ndithandazela impilo kwesisizwe ingakumbi xa ilelixesha lonyaka, ndicenga ukukhuseleka kwabantwana bakho sombawo yaleza lomabandla axananaze kwabo baseluhambeni besiya emakhaya.
Wena ungumdali ongena singekangeni kwimizi ngemizana kuthi wakufika livakale ifuthe lakho kuba wena ingcwele wasidalela okulungile nentobeko kuphela.

Ndicenga wena lunga lokulunga kuba wena ubona apho ndingaboni khona kwaye uvula kuvaliwe.
Sithini ukungakubuleli wena kodwa uhlala ungecala lethu.

Ndinqula kuwe ukuze kukhanye ndicela amathamsanqa nemfefe zakho.

Camagu!Camagu!!Camagu!!!

No comments: